Nqontsonqa - Xa ndikubiza ngesiduko

Sdílet
Vložit
  • čas přidán 12. 09. 2024
  • Xa ndikubiza ngesiduko ndiyakunqula, ndiyakuthandaza, ndiyakusikelela, ngokukukhahlela ndibiza kwabaphantsi bakowenu ukuba baqhubeke bekujongile, bakombathise, ngokukukhusela. Xa ndikubiza ngesiduko andiphambani kwaye andiphazami ndigqithisa okuhle nokulungileyo nje ngeqhekeza endinikela ngalo kuwe, ze abakowenu bakuphahle bakwambese ngazo zonke izifungo neminqweno yakho ebomini kumadlelo empumelelo uvune. Xa ndikubiza ngesiduko ndiyakukhumbuza ukuba akuhambi wedwa umele ikhaya, kuyilonto naxa usilwa ndingazokuthi 'hayi Sinawo', ndizakuthi 'kahle Krila' kange thangana. Ngokwenjenjalo ndiyakukhumbuza ukuba ulikhaya, ngoko ke izenzo zakho mazibonakalise into abanokuthi bazidle ngayo nabo ooKrila ekukhanyeni nasebumnyameni. Xa ndikubiza ngesiduko ndiyakucamagusha, koko ndigxotha konke okubi okuzama ukusondela kuwe loxa ndikwathumela okuhle kodwa kuwe ngaxeshanye. Ukwenza oku kungaphaya kokukubiza, ndiyakucacisela ukuba wena unini, Igazi lakho limpompoza emisipheni yomnombo othile, owaziwayo nodumileyo, ohlonitshwayo nokholiweyo, koko xa uvul’ inyawo ubheka phambili uvalo ungabinalo ngoba ikhakha lokukuhlanganisela kwiinzunguzi zendlela liphambi kwakho, amadabi akho sele aliwa uphila nje uyimfezeko kwabaphantsi, Xa ndikubiza ngesiduko ndiyakuvuselela, kuyilonto uzakuthi xa unomoya ophantsi, udakumbile, ndingazokuthi hayi ‘Lwando’ sukuphela amandla koko ndizakukumbuza ukuba ungumzekeliso woButsolo beentonga, ubukhali, untlangothi mbini Zikhali, nawe utsho uzive uhlahlamba, uzingomb’ isfuba, ngoba isiduko sikunika ilunda, ukuzingca ngokuzazi, itshamba nohlobo oluthile lokuziva uthe zava esihlalweni sokukumnkani, Xa ndikubiza ngesiduko ndiyakhahleka, xa ndikunqula, ndiyagalela, xa ndikutyibela ndiyagadlela, iintloni ziyaphela ndiyakhanyisa, makuqhakaze, uthi xa ubusenza okugxwenxa ndikutsho ulaqaze, uzifihle, sithi sikungela ukude uncakamile, ngoba uyayiqonda ukuba lento uyenzayo ayifanelwanga ukwenziwa ngamathile, Xa ndikubiza ngesiduko ndinukis’ ichiza elingapheleli kuwe koko nabo basendlini mabaphile, uthi kutheni esithi AmaXhosa umntu akumazi ungekazi kokwabo bangamani, kungoba uyakumphilisa njani na ungamazi, nabadala bade bathi wakubaxelela igama bakubuze ukuba ungowasemanini, ngoba isiduko silulutho oyakuthi uzidluliselwe ngayo iintsikelelo uphile ngonaphakade, Ahhh mathile amahle!!!!

Komentáře • 10