Ndiya khala kuWe nKosi (HD) | Central Region Setsokotsane 2024 | Magalies

Sdílet
Vložit
  • čas přidán 13. 09. 2024
  • Ndiya khala kuWe nKosi
    Bawo oyiNgcwele ndive
    Kobu bugxwayiba ndive
    Ekweneni kweli lizwe.
    Ndiyigusha ndalahleka
    Ma ndifunwe ndibuyiswe
    Ndiyoyika kula mawa
    Ma ndilandwe ndigoduswe
    Ndaphambuka emendweni
    Ndalushiy' ufefe lwaKho,
    Kwezi ntanda-buzo zimbi
    Se ndeyele, ndiya tshona.
    Enkungwini ekufeni
    Phuma Langa lolungiso
    Ma ndingene endleleni
    Ndilubone usindiso.
    Ndipheleke muKhululi
    Ma ndiphathelele kuWe
    Koba mnandi ndakuhamba
    NaWe ndize ndingadinwa.
    Ngoko ndinga ndingahamba
    NaWe nKosi enofefe
    Ndiwanyuke amaqhina
    Neentsunguzi ezimnyama. Amen.

Komentáře • 2