Umama uNothembile Hoho uphendula uDr Nokuzola Mndende kumba weentombi ezisexesheni

Sdílet
Vložit
  • čas přidán 5. 09. 2024
  • Umama uNothembile Hoho uthi mazingamanyelwa iimfundiso ezizakwenza ulutsha luyeke ukuhlonipha esiNtwini kuba isiNtu sisiNtu ngokuhlonipha... Uthi sele yaaphela nje nemfuyo iintlanti zimil'ingca kukuyekwa kwentlonipho...

Komentáře • 69

  • @amahlegwanana96
    @amahlegwanana96 Před 3 lety +7

    Umuncu kodwa lo tata... inoba ukhule ngexesha lengcinezelo nyhani, intombazana kuye yinja into enganakhaya. Into ayenzayo ulwa noDr Mndende ufunde wema phi phofu yena le nto angakwazi kufundisa ngaphandle kokugxeka izimvo zabanye abantu

    • @sikhumbulelufutha3172
      @sikhumbulelufutha3172 Před 3 lety +1

      Kuwesi umama Nokuzola lo amlwayo uyiphethe njengobawo uNqevu inkolo yesintu, abanazibhalo ezingcwele abaxubi njengaye so akandothusi xa ethetha kanje ngaye, yena ingase athethe lento afuna uyithetha angabekisi kumama uNokuzola and uMntwana wentombi unebango kulontombi ngkuba likhaya lakhe, uyawuphatha nomkhonto wekhaya ngokuba uyaziwa zizinyanya zekhaya

  • @zamuxolowelcome9440
    @zamuxolowelcome9440 Před 3 lety +2

    Camagu!!Mama uchane ucwethe ngoTolo makhulu,injalo ngqo!!Lonto kemama bengahloniphi benjalo,bade bakhumshe ngolwimi lwasentshona Xhekwaz lakowethu.Yeyele mama wam!!Camagu,chosi mama!!

  • @nakapabodwasmallsticks779

    Haibo, ikhona ingxaki nentetho zalo tata. zinentiyo nokwenyelisa. akufundeki kuye kuba naluphi ulwazi analo ngathi lusekelwe phezu ko DR MDENDE.

  • @jeromelj1010
    @jeromelj1010 Před 4 lety +7

    The guy is contradicting himself at the end.

  • @sikhumbulelufutha3172
    @sikhumbulelufutha3172 Před 4 lety +4

    Tata umamakho ndiyamva uyibeke yacaca, Ndize kuwe uthetha ngolawula othethi ngokhokhela, kumahluko ulawula noKhokhela, ukuba uyaziqaphela uthi kwalapha entetheni umntwana wentombi ngowapha intombi yonzakaliswe khona, uphinde uthi yeyekhaya lakulontombi, ngokwazi kwam umntwana wentombi ngowekhaya lakulontombi, omalume ngotata bakhe, uyaphatha umkhonto, ikhale ibhokhwe, akukwazi uthi ngowalamzi kwenziwa kuwo idemeshe ngunyana wakhona, abantwana bezilanda nje ngalamazwi wakho, ubenza abantwana bentombi bazibone bengenabango kwikhaya labo

    • @jeromelj1010
      @jeromelj1010 Před 4 lety +3

      Exactly I was so annoyed by him abusing his platform and speaking as if his prejudice is accepted in all the 13 Kingdoms. Ebathenjini akwenziwa siko abatshana bengekho.

    • @daluxolohoho6890
      @daluxolohoho6890  Před 4 lety

      Andinifumani nokuba ingxoxo yenu igxile ekulungiseni mna na okanye kumxholo wengxoxo ngokwendlela oza ngayo na...

    • @masixolesikolo2186
      @masixolesikolo2186 Před 3 lety +1

      Kwekhu hay ugqibile bendipenapena yilentetho ngoba nam ndazi ngoba usitsho. Umhakhulu yena uthethe kwavokotheka inene kodwa yena utata hay uthetha eziphikisa

    • @sikhumbulelufutha3172
      @sikhumbulelufutha3172 Před 3 lety

      @@jeromelj1010 injalo sisi we need not comfort his feelings, ulwazana endinalo fanele ndiliveze

    • @sikhumbulelufutha3172
      @sikhumbulelufutha3172 Před 3 lety

      @@masixolesikolo2186 injalo mkhuluwa, yakhe yathethwa nangubawo uNqevu lonto, and uMama Nokuzola notata uNqevu inkolo yabo icace elubala yeyemveli, abaxubi neyasentshona, utata if angayeka uthi xa esenza video angathethi ngobani, cz he's bitter and against umama Nokuzola, ingase afundise qha and sokumphikisa apho aphazama khona we also do research

  • @mpumezohaka6856
    @mpumezohaka6856 Před 5 lety +4

    Tata ndicela uke uhlalutye ezi video zonke zalo mama Nokuzola....Ucele intlanganiso nenkonde zakwantu komkhulu ubamamelise lamanyala...Kulo ntlanganiso wenze video ukuze kucace ba awuwedwa

  • @lilithasotondoshe8226
    @lilithasotondoshe8226 Před 4 lety +1

    Camakhu mhakhulu.
    Ndiyayithanda lendawo ithi "buza amasiko kwisizwe sakuni"

  • @sikhumbulelufutha3172
    @sikhumbulelufutha3172 Před 3 lety +2

    Uboqaphela into enye umama uNokuzola ngumsasazi, ubanendwendwe zakhe elizocacisa, isihloko senqubo, it's a pit that akayidlalanga yonke, xa ungumsasazi noba uyayazi akufuneki uthethe ngokwako yonke into indwendwe likhona unless you are permitted to do so, myeke umam uNokuzola, even if am entrepreneur ndingumsasazi I have to listen to the visitors and ask question based on my his/ her knowledge, and then he'll add apho nalapho

  • @sikhumbulelufutha3172
    @sikhumbulelufutha3172 Před 4 lety +3

    Ndivuleka maehlo zezi video zakho tata

  • @njongomatole6037
    @njongomatole6037 Před 9 měsíci

    Unyanisile yazz Lo mama

  • @siyandadosi4848
    @siyandadosi4848 Před 4 lety +4

    Mama UNothembile ngase ndikubamb' isandla

  • @selwasongelwa8258
    @selwasongelwa8258 Před 5 lety +2

    Uyigqibile Mama uHoho
    AmaXhosa akako manye kll

    • @Bongz90
      @Bongz90 Před 5 lety +1

      Yimizi engafaniyo Tata. AmaXhosa manye

  • @phikondzamela2992
    @phikondzamela2992 Před 2 lety

    Ngxatsho ke mama uHoho. Sikhula singabuzi ukuba kobakhontoni okanye ivela phi loo nto. Ngoku uDr Mndende usifundisa uba masibuze zonke izinto esazixelelwayo ziinkonde neenkondekazi. Masingabisapho lukanokhontoni.

  • @thabonzimande1258
    @thabonzimande1258 Před 3 lety +3

    Umntana ozalwa kulo mamakhe ngowakulo mamakhe. Isduko sakhe sesika tamkhulu wakhe. Kwizindlu ezingena bantwana anga madoda ngubani inkulu?

  • @zibonelezondani8755
    @zibonelezondani8755 Před 2 lety +1

    Unyanisile .umama..hoho nalotata ungenayo

  • @xolilesaba8910
    @xolilesaba8910 Před 6 lety +1

    Camagu mama uyaytheta inyani thina singabantwana sithanda umntu uzosixelela amasiko akekho umntu okhule ngaphandle kwesiko

    • @asipheladoda6152
      @asipheladoda6152 Před 5 lety

      Lo Mama uphethe nje kwinkolo kantu yena uyalahlekisa umntu akaveli ngoba omama besiya exesheni

  • @nondzukisomazosiwe5087

    Hayi Hoho ukhala ecaleni ! Nomama wakho uyakulahlekisa, uvele ukhale ecaleni rmxholweni

  • @nondzukisomazosiwe5087

    Ndiyabhidwa yintetha ethi buza kwisizwe sakuni! Sizwe eso esinamasiko nezithethe ezahlukeneyo ngenxa yokohlukana kweziduko, imizi ayifani ifana ngeentlanti, nemicimbi eqhutywa kwezantlanti yahlukene, yilonto eso Sizwe sakuni kungekho nto iphathekayo sinokunceda ngayo ngaphezu komnombo wendlu yakokwenu

  • @thabonzimande1258
    @thabonzimande1258 Před 3 lety +1

    Kuyenzeka umntu abeyi nkazana kuba kumele ahoye izinto zakokwabo ngku engu mama. Bangaphi omama abahoye into zasemakwabo?

  • @asivekonkenontombiwani6882

    Camagu mama wazi kakuhle mamam

  • @aneleminisi471
    @aneleminisi471 Před rokem

    Ndikuvile Mama umntu makahambe ayobuza kwisizwe sakhe. This thing ye workshop it's wrong.

  • @zibonelezondani8755
    @zibonelezondani8755 Před 2 lety

    Nam mama andivumi

  • @ntandokingkotinmantshinga481

    Mabakuyeke Tata bangathi awumfuni nje umama umndende but uyaslahlekisa lamama

  • @amahlegwanana96
    @amahlegwanana96 Před 3 lety +2

    Wena tata ukhangela kwavideo yalo mama, ubungenoqhuba eyakho into uphume emntwaneni wabantu, kumama wabantu, kumakhulu wabantu eziphangelele nje

  • @tozamilefunani
    @tozamilefunani Před 2 lety +1

    Ayikho lento uyithethayo mhlekazi umdala; unengxaki nje no Dr Mndende.. okunene amasiko angenelelwe asetyenziswa ngabasentshona. Masingathi xa sikhithaza ibuyambo sixabane sodwa.

  • @xolilesaba8910
    @xolilesaba8910 Před 6 lety +2

    Ndiyaphikisana nawe Dr nokuzola ndiyakuphikisa ayazi inyani inoba ukhulele enkonzweni akhulelanga emasikweni so mama yeka aba bacacisela abantu ngesiko izinyanya if awzazi ke MNA ndikuxelele zezi zileleyo kodwa mgokomoya zihleli nathi soo mama hay aykabiyiyo inyani inyani apho ikho ilapha Ku mamu hoho Baku tatu hoho daluxolo qwaba Camagu andigezi kodwa inyani nangona singabantwana siyayazi isiko laziwa NGO khokho bakho mama ongalaziyo isiko so wenake xa ukhulule ezicaweni zolahlekiso awnoba salazi isiko thula uthi cwala simamele abakwa hoho ababantu abafuni sikhundla sakho

  • @lindaniskhungu1496
    @lindaniskhungu1496 Před 6 lety

    ohh mama Hoho uyiqgibile tuu futhi ndiyavumelana nawe

    • @bulelanihlakanyane2179
      @bulelanihlakanyane2179 Před 4 lety +1

      Nokzola mndende ingati kuzoba ryt ufundise isizwe sasedutywa kupela asizuymela into yolahlekiswa yinkazana endala engahlonipiyo amasiko abanye abant

    • @vuyokasingada484
      @vuyokasingada484 Před 3 lety

      @@bulelanihlakanyane2179 haaaaaaaaa haybo

  • @nondzukisomazosiwe5087

    Amaxhosa manye! Umahluko ziziduko, zizindlu, amasiko nezithethe, ulwimi lube lunye futhi

  • @nondzukisomazosiwe5087
    @nondzukisomazosiwe5087 Před 3 lety +1

    Lufutha akhonto ibekwe yacaca elubala apha rhanuga ndini! Lomama umntanakhe etywabaza nje ufuze Yena ! Bathetha into abangenalwazi luthe vetshe ngayo, akho kwamntu ungamfuniyo! Yindoda etheni le ikhalazela ukungafunwa? Sikunxibe ezindlebeni sikwenze amacici ukuze uqonde uba uyathandwa? Mhlawumbi umamakho zange akunike luthando lwaneleyo?

    • @sinethembalusawana
      @sinethembalusawana Před 3 lety +1

      Ninjalo ke ukungayifuni inyaniso. Imfundiso kaDr Mndende itenxile, uvakala kwasekuthetheni okutshitshilizayo ukuba akanalwazi ngento ayithethayo ubhibhidla nje mazinyo. Akemdala xa ade abuze akuba ngumcimbi waphi owakha awahamba kakuhle ngenxa yentombi esengceni. Umcimbi awunamlomo ngabantu bekhaya abazakumba baye kufuna unobangela ze bangabuyi babikele ilizwe. UYALAHLEKA MNTASEKHAYA.

  • @thusethuse4281
    @thusethuse4281 Před 4 lety +2

    Awuqashwa kuMhlobo Wenene FM ungafundanga please fundani then ifake iCV zenu ku Mr Mnci station manager niyeke ukulwa uMndende.

    • @daluxolohoho6890
      @daluxolohoho6890  Před 4 lety

      Ndina48 000 followers including you, my videos zikoo 20 million views... I think ndonwabile apho ndikhoyo... le ndiyenza apha into yimbali eyakondla nezizukulwana zezizukulwana kwindlu kaXhosa nakumnombo wam...

    • @daluxolohoho6890
      @daluxolohoho6890  Před 4 lety

      Umsasazi akumka kuloRadio ebesasaza kuyo ezonkqubo zakhe ziyaphelelwa kulityalwe ngaye kodwa okulapha kuYou tube apho nawe ukwangumlandeli wam khona kuyakuhlala kuhleli mna sendaabhubhayo izizukulwana ziyakincanca...
      Enkosi ngeengcebiso zakho ke!!!

    • @daluxolohoho6890
      @daluxolohoho6890  Před 4 lety

      Kuyasasazwa kwiRadio but mna andisasazi koko ndakha imbali...

    • @amahlegwanana96
      @amahlegwanana96 Před 3 lety +2

      Tata siyavuma akusasazi, but khawuhloniphe umntu lo kaThixo ungamlwi, asithi vumelana naye kodwa sumlwa mphikise ngentlonipho loo uzame ukumsondeza umakhe abe yile nto ucinga ukuba ilungile😑

    • @drnokuzolamndende4069
      @drnokuzolamndende4069 Před 3 lety +2

      @@amahlegwanana96 he is obsessed ndim lomhlekazi akukho kwanto endiyenzayo kuye. Mxoleleni. He is suffering from inferiority complex and is a male chauvinist.

  • @zibonelezondani8755
    @zibonelezondani8755 Před 2 lety

    Uyinkazana unokuzola akendanga uyekelwe ntoni afundise ufundisantoni

  • @sifungojozela6033
    @sifungojozela6033 Před 6 lety +3

    Ndimthanda ukuyimela inyani ke lomama

  • @nondzukisomazosiwe5087
    @nondzukisomazosiwe5087 Před 3 lety +1

    Futhi ke mama sukugxeka aba baya engceni bangayihombeliyo lonto, lonyana wakho kutheni lento azoba ngathi unyanzelisiwe yile Ntombi uba mabagqumathele kunye nangona isexesheni? Makufundiswe noonyana aba uba mntanam xa inyanga iphantsi okanye intombi isengceni zihloniphe, sukuyenza lento linda kudlule elaxesha! Ngamaxelegu kwabona aba balala nentombi isexesheni! Kungekho Nkomo kumawabo nje ngabo abaqhekeza amathango alemizi ngezantsi kangangoba umntu angafuni kulinda sele intombi isithj ndisengceni

    • @simphiwepato9550
      @simphiwepato9550 Před rokem

      Mamela kakuhle umama. Uzibethe zombini ezizinto okanye abantu.

  • @nondzukisomazosiwe5087

    Ku Khumsha kwa unyana wakhe nje bazakuthini abanye ukungakhumshi?

  • @nondzukisomazosiwe5087

    Bezobhuda apha nje baqale kwisizwe sakubo? Siluswele ulwazi lwaka xhosa uba kanti bazakulahlekisa abantu ngolwazana lwabo olungaphangalelanga

  • @zibonelezondani8755
    @zibonelezondani8755 Před 2 lety

    Unyanisile

  • @loyisoshumane6854
    @loyisoshumane6854 Před 4 lety

    Uba abakufuneli lenyani ndiyiva apha mabazigungxulele. Onokuzola mndende baxolele uthengisa isizwe esintsundu ngenxa yemali nepolitiki. Ungayeki mntakatatomkhulu uHoho inyani iyakrakra kakade. Uske waphelelwa sisidima kum ngoku lasisi. Nx

  • @kennethvolwana7799
    @kennethvolwana7799 Před 3 lety +2

    Njani ukuba umntana wentombi akanabango? futhi akalawuli?
    Hayi Tata andikuvha tuu ke ngoku🙅🏾‍♂️🚮

    • @sinethembalusawana
      @sinethembalusawana Před 3 lety

      🤣🤣😂. Unyanisile injengokuba esitsho. umntana wentombi unebango kulo yise.

    • @kennethvolwana7799
      @kennethvolwana7799 Před 3 lety

      @@sinethembalusawana Hai khona andivhumi. Nithini ke ngabo bangena yise? nekhaya lika yise akalazi?
      Lento sithuko kunina wakhe nakuye moss.
      Ngendisivha kakuhle ukuba bekusithiwa umntu akanabango kulo yise Kuba uyise engamzekanga unina.

    • @sinethembalusawana
      @sinethembalusawana Před 3 lety

      @@kennethvolwana7799 ewe ungatsho uthi sisithuko ingakumbi emntaneni kodwa isiXhosa sisiXhosa akukhathalisekanga nokuba zange ambone na uyise. Xa ungumntna wentombi xa kukho into ekhayeni enjengomcimbi akufunekanga ugqadaze uthi le yenzwa kanje apha ekhaya, makuthi ngoku uza kuxelelwa, kambe kuthiwa bayamosha abatshana.😂🤣

    • @kennethvolwana7799
      @kennethvolwana7799 Před 3 lety

      @@sinethembalusawana Hai Tata andivhumelani nawe tuu IsiXhosa asihambi kanjalo. Awunobangutshana kokwenu kaloku. Ewe ukuba omama bendile ngabatshana ke. Qondisisa IsiXhosa Tata.

    • @sinethembalusawana
      @sinethembalusawana Před 3 lety

      @@kennethvolwana7799 ndehlile.